Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 13:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. ze ningawathatheli ngqalelo amazwi aloo mshumayeli okanye loo mphuphi. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanivavanya, khon' ukuze aqonde ukuba nimthanda ngengondo iphela nangomoya uphela na.

4. NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.

5. Nabani na ongumshumayeli okanye umphuphi oniqhubela ekuvukeleni uNdikhoyo uThixo wenu mbulaleni. Kaloku uNdikhoyo lo ngulo wanikhupha eJiputa apho naningamakhoboka khona. Umntu onjalo uzama ukunilukuhla, khon' ukuze niphulukane nehambo eniyalelwe yona nguNdikhoyo uThixo wenu. Ubugwenxa mabususwe mpela phakathi kwenu.

6. “Nkqu nomntakwenu, noba ngunyana okanye intombi, mhlawumbi umfazi wakho omthandayo, noba sisihlobo sakho esisenyongweni, singakulukuhla sikukhuthaze ngasese ngelithi: ‘Masiye kunqula thixo bambi’ – thixo abo ongabaziyo nabangazange banqulwe nangooyihlo-mkhulu,

7. oothixo bezizwe eziningqongileyo okanye abo bezizwe ezisekudeni.

8. Kambe ke ungaze umqhelisele nakancinci; ungamphulaphuli. Ungaze ube nalusini nanceba kuye; ungaze umqume.

9. Mbulale nya; mayibe nguwe kanye ophambili, baze ke nabanye bakulandele.

10. Ewe, mgibisele ngamatye umbulale, kuba ebezama ukukuqweqwedisa, khon' ukuze umlahle uNdikhoyo uThixo wakho owakukhulula ulikhoboka eJiputa.

11. Aya kuthi ke akuyiva loo nto, atsho onke amaSirayeli oyike, kungaze kubekho mntu phakathi kwenu ulenzayo isikizi elinjalo.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 13