Nabani na ongumshumayeli okanye umphuphi oniqhubela ekuvukeleni uNdikhoyo uThixo wenu mbulaleni. Kaloku uNdikhoyo lo ngulo wanikhupha eJiputa apho naningamakhoboka khona. Umntu onjalo uzama ukunilukuhla, khon' ukuze niphulukane nehambo eniyalelwe yona nguNdikhoyo uThixo wenu. Ubugwenxa mabususwe mpela phakathi kwenu.