Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 13:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ukuba kuvela umshumayeli okanye umlawuli-maphupha phakathi kwenu, evakalisa ummangaliso okanye umqondiso oza kubakho,

2. ize ke kwenzeke ngokwaloo mmangaliso okanye loo mqondiso, aze athi: ‘Masilandele *thixo bambi’ – thixo abo eningazange nibazi – aqhubele phambili athi: ‘Masibanqule,’

3. ze ningawathatheli ngqalelo amazwi aloo mshumayeli okanye loo mphuphi. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanivavanya, khon' ukuze aqonde ukuba nimthanda ngengondo iphela nangomoya uphela na.

4. NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 13