Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 12:4-23 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Nina ke uNdikhoyo uThixo wenu ze ningamkhonzi ngale ndlela zinqula ngayo ezo zizwe.

5. Kumhlaba wenu uphela uNdikhoyo uya kukhetha indawo ibe nye qha apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona, zize zithi ke zonke izindlu zenu zibuzise kuye khona.

6. Apho ke niya kuwenzela khona amadini enu atshiswayo ndawonye nawaphi na amadini angamanye, nezishumi, iminikelo, nezipho enibhambathisa ngazo, ngokunjalo namazibulo eenkomo naweegusha.

7. Apha phambi koNdikhoyo uThixo wenu onithamsanqelisayo nina neentsapho zenu niya kuxhamla ubuncwane bezinto enibulaleke ngazo.

8. “Ngelo xesha ke ze ningenzi njengoko niqhele ukwenza ngako. Ukuza kuthi gaa ngoku benisenza okulungileyo emehlweni enu,

9. kuba kaloku beningekangeni kwelo lizwe niliphiwa nguNdikhoyo uThixo wenu, apho niya kuphumla ngokonwaba khona.

10. Nakuthi nakuyiwela iJordan, uNdikhoyo anivumele ningene kwelo lizwe, nime kulo. Uya kunigcina nikhuselekile ezintshabeni, nihlale ngenzolo.

11. UNdikhoyo uThixo wenu uya kunyula indawo ibe nye apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona. Zonke ke izinto endiniyalele ngazo nozisa khona: amadini atshiswayo namanye angawambi, izishumi neminikelo yemveliso yenu, ngokunjalo nezipho ezizodwa enibhambathisa ngazo kuNdikhoyo.

12. Ze nonwabe ke apho phambi kwakhe ndawonye neentsapho nezicaka zenu kunye nabaLevi enihlala nabo, kuba kaloku bona ababelwanga mhlaba ungowabo njengani.

13. Amadini atshiswayo akufuneki niwenzele naphi na apho nithanda khona,

14. koko kufuneka niwenzele kuloo ndawo ayinyulileyo uNdikhoyo kumhlaba wenye yezindlu zenu. Amadini enu atshiswayo nowenzela kuloo ndawo kuphela, ngokunjalo ke nazo zonke izinto endiniyalele ukuba nizenze.

15. “Kambe ke nikhululekile ukuba nixhele kwimfuyo yenu, niyixhelele naphi na apho nihlala khona. Ningatya kangangoko nithamsanqeliswa nguNdikhoyo. Xa ninonke abahlambulukileyo nabangahlambulukanga bangayitya inyama leyo kwanjengokuba nisenza kweyebhadi okanye inxala.

16. Ke lona igazi ningaze nilitye, koko lichitheni phantsi oku kwamanzi.

17. Into eniyinikela kuNdikhoyo mayingatyelwa apho nihlala khona; ngokunjalo nezishumi zengqolowa, iwayini entsha, namafutha omnquma, noba ngamazibulo eenkomo okanye aweegusha, nezipho enibhambathise ngazo kuNdikhoyo, okanye ezokuqhutywa yintliziyo, kanti ke nawuphi na umnikelo.

18. Le minikelo kufuneka niyityele phambi koNdikhoyo uThixo wenu, kuloo ndawo ayinyulele ukuzinziswa kwegama lakhe. Yona ke mayityiwe nini nabantwana, izicaka ngokunjalo nabaLevi enihlala nabo, nikuxhamle ngokonwaba ukubulaleka kwenu.

19. Ke bona abaLevi ningaze nibalahle nanini na xa nisahleli kwelo lizwe.

20. “Uya kuthi ke uNdikhoyo uThixo wenu akuwandisa umhlaba wenu ngokwesithembiso sakhe, nixhele nitye inyama nanini na nifuna.

21. Ukuba indawo leyo yonqulo ikude, ningaxhela kwimfuyo yenu, nityele apho emakhaya ngokuthanda kwenu ngokomyalelo kaNdikhoyo njengoko ndanichazelayo.

22. Nabani na angayitya le nyama, ehlambulukile okanye engahlambulukanga, kwanjengokuba niyitya inyama yebhadi okanye eyenxala.

23. Inyama emaningayityi yenegazi; kaloku ubomi busegazini, ibe ke akufuneki nitye inyama ndawonye nobomi.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 12