“Kambe ke nikhululekile ukuba nixhele kwimfuyo yenu, niyixhelele naphi na apho nihlala khona. Ningatya kangangoko nithamsanqeliswa nguNdikhoyo. Xa ninonke abahlambulukileyo nabangahlambulukanga bangayitya inyama leyo kwanjengokuba nisenza kweyebhadi okanye inxala.