Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 1:29-46 Ibhayibhile (XHO96)

29. “Ke mna ndaniyala ndisithi: ‘Musani ukuba nedyudyu nixhalabe ngenxa yabo!

30. UNdikhoyo uThixo wenu nguye onikhokelayo. Yena wonilwela njengoko nambonayo esenjenjalo eJiputa

31. nasentlango. Andithi kaloku yena wanibeleka njengoko uyise enjenjalo kunyana wakhe, yonke loo ndlela kude kube ngoku?’

32. Kodwa ke, nakuba kunjalo, animthembanga uNdikhoyo uThixo wenu,

33. kanti nguye owayesoloko enikhokela ade anifunele nendawo eningamisa kuyo. Ewe, kaloku wayenikhokela ngelangatye lomlilo ebusuku, ukuze niyibone indlela emanihambe ngayo, aze anikhokele ngomqulu welifu emini.”

34. “Ke kaloku *uNdikhoyo akuziva izikrokro zenu wakhathazeka, wada wafunga wathi:

35. ‘Inene, akukho namnye kuni, sizukulwanandini esigwenxa, uya kungena kwelo lizwe lihle kunene ndabathembisa ngalo ngesifungo ooyihlo-mkhulu.

36. Kuphela longenwa nguKalebhi unyana kaJefune. Kaloku yena wahlala enyanisekile kum, ndaye ke elo lizwe walihlolayo ndiza kulinikela kuye nesizukulwana sakhe.’

37. “Kwakukwangenxa yenu ukuze uNdikhoyo akhathazeke, athi kum: ‘Nawe ngokwakho soze uthi cakatha kwelo lizwe.

38. Kambe ke ihlakani lakho, uYoshuwa unyana kaNune, nguye oya kulingena elo lizwe; mkhuthaze, kuba nguye oya kungenisa uSirayeli kwelo lizwe elililifa lakhe.’

39. “Ngaphezu koko ke uNdikhoyo wathi: ‘Ngabantwana benu kuphela abaya kungena kwelo lizwe; nditsho abo bangekakwazi ukwahlula okubi kokuhle, abo kanye nanisithi nina boba ngamaxhoba otshaba. Elo lizwe ndiya kulinikela kubo, limiwe ngabo.

40. Ke nina jikani, nisinge entlango ngendlela eya kuLwandle oluBomvu.’

41. “Ke nina naphendula nathi kum: ‘Simonile uNdikhoyo. Ngoko ke siza kujika silihlasele elo lizwe ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wethu.’ Ngenene ke nonke naqulela imfazwe, nicinga ukuba yoba yindlwana iyanetha ukuhlasela eleentaba.

42. Ke yena uNdikhoyo wathi kum: ‘Balumkise uthi: “Ningayi kulwa; andiyi kuhamba nani ndinilwele; niya koyiswa ziintshaba zenu.” ’

43. Ndanixelela ke loo mazwi kaNdikhoyo, kodwa zange niwakhathalele. Ewe, nasuka namgwilikela, naza nathi ngelo kratshi lenu nalihlasela eleentaba.

44. Asuka ke wona ama-Amori awayehlala kwezo ntaba, athi quba phezu kwenu oku kwebubu leenyosi. Aningena ke, aniswantsulisa, nada naya kufika eHoma, anoyisela kwezo ntaba zaseSeyire.

45. Kweso sithuba ke naba ngazibika kuNdikhoyo nilila, suka wavingc' iindlebe, akaniphulaphula.

46. “Ke kaloku nahlala eKadeshe ixesha elide.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 1