Asuka ke wona ama-Amori awayehlala kwezo ntaba, athi quba phezu kwenu oku kwebubu leenyosi. Aningena ke, aniswantsulisa, nada naya kufika eHoma, anoyisela kwezo ntaba zaseSeyire.