Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 44:10-23 Ibhayibhile (XHO96)

10. “Kuphela ngabaLevi abamelwe kukulawula isibingelelo sam, kanti abaLevi basuke bandityeshela ngexesha lokukreqa kwamaSirayeli, baza bahambela kude nam ngenxa *yezithixo zabo. Ke ngoko ndiyabohlwaya ngenxa yesono sabo.

11. Bangade beme phambi kwesibingelelo sam, balawule amasango endlu kaThixo, basebenze nakuyo; bangawaxhela amadini etshiswayo, babenzele namadini abantu; bangema phambi kwabantu bebalungiselela.

12. Kodwa ngenxa yokuba abantu babenzele amadini noxa bekhonza izithixo, baza ngokwenjenjalo bayeyelisela esonweni indlu kaSirayeli, ndamisa isibhozo ndisithi baza kohlwaywa ngeziphoso zabo, utsho uMhlekazi uNdikhoyo.

13. “Abayi kusondela kum bandilungiselele okwababingeleli, bengayi kusondela nakwiminikelo yam engcwele okanye bangene kweyona ndawo yam ingcwele. Mabalithwale ihlazo lezenzo zabo ezimanyumnyezi.

14. Ke ndiza kubenza abaququzeleli bendlu kaThixo, benze yonke imisebenzi abayalelwe yona.

15. “Kodwa ababingeleli abangabaLevi omnombo kaZadoki, bona bathi banyaniseka emsebenzini wesibingelelo xeshikweni amaSirayeli ayekreqile, bona bangasondela babingelele phambi kwam, benze iminikelo yamanqatha negazi, itsho iNkosi uNdikhoyo.

16. Ngabo kuphela abaya kungena kweyona ndawo ingcwele; ngabo kuphela abaya kundilungiselela etafileni yam, babingelele phambi kwam, bawenze umsebenzi wam.

17. “Xa bengena emasangweni entendelezo ephakathi mabanxibe impahla yelinen; mabanganxibi impahla eyenziwe ngoboya ngexesha balungiselelayo kwinkundla engaphakathi okanye ngaphakathi endlwini kaThixo.

18. Baya kuthwala iiqhiya zelinen entloko, babhinqe ngaphantsi impahla yelinen, bangayinxibi impahla eya kubenza babile.

19. Xa bephumela kwinkundla engaphandle, apho kuhleli abantu, kufuneka bayikhulule impahla ebebelungiselela ngayo, bayishiye kumagumbi awodwa, baze banxibe enye, ukuze bangababeki esichengeni abantu ngempahla abayinxibileyo.

20. “Mabangaziguguli iintloko, okanye baziyeke iinwele zabo zikhule zibe nde, kodwa ze baziphungule nje.

21. Makungabikho mbingeleli usela iwayini xa eza kungena kwinkundla engaphakathi.

22. Abanakutshata umhlolokazi okanye umfazi owaliwe yindoda; bangatshata intombi yomnombo kaSirayeli kuphela, kungenjalo umhlolokazi wombingeleli.

23. Kufuneka bafundise abantu bam umahluko phakathi kwezinto ezahlulelwe mna nezizezinye, nokuba babe nako ukuyahlula leyo *inomlaza kwenyulu.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 44