Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 42:9-18 Ibhayibhile (XHO96)

9. Amagumbi asezantsi ayenesango elingasempumalanga xa uwavelela kwintendelezo engaphandle.

10. Kwicala langezantsi mayela nobude bodonga lwentendelezo yangaphandle olwayame intendelezo yendlu kaThixo kwakukho amagumbi

11. anenyoba ngaphambi kwawo. Ayefana namagumbi angasentla: ayefana ngobude, ububanzi, iminyango ilingana nokulingana. Iminyango yamagumbi angasentla

12. yayifana naleyo yamagumbi angasezantsi. Kwakukho umnyango ekungeneni kwenyoba eyayingqalene nodonga elibude bubhekise empuma, ekwakungenwa ngawo xa kuyiwa emagumbini.

13. Le ndoda yathi kum: “Amagumbi angasentla nangasezantsi ajonge intendelezo yendlu kaThixo ngawababingeleli, apho, xa besondela *kuNdikhoyo, batyela khona eyona minikelo ingcwele. Kulapho baya kugcina khona awona madini yeyona minikelo ingcwele – eyokutya, eyesono, neyetyala – kuba yindawo engcwele.

14. Bakuba ababingeleli bengene kulo mhlaba uwodwa abanako ukuphumela kwintendelezo engaphandle de babe bazishiye ngaphakathi izambatho ababesebenza ngazo, kuba zingcwele. Kufuneka bafake zambatho zimbi xa beza kusondela kumhlaba osikelwe abantu.”

15. Yakuba iwenzile umlinganiso wezinto ezaziphakathi kwenkundla yendlu kaThixo yaphuma nam ngesango lasempuma, yaza yenza umlinganiso weendonga zangaphandle jikelele.

16. Yenza umlinganiso wodonga lecala lasempuma ngoluthi lwayo lomlinganiso, yafumana iimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu.

17. Yalinganisa iindonga zecala lasemantla, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lwayo lokulinganisa.

18. Yalinganisa iindonga zecala lasemazantsi, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lomlinganiso.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 42