Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 42:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Njengokuba uluhlu lwamagumbi ayame intendelezo engaphandle lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu ubude, olo lwalukwicala elisondele esibingelelweni lwalungamashumi amahlanu eemitha ubude.

9. Amagumbi asezantsi ayenesango elingasempumalanga xa uwavelela kwintendelezo engaphandle.

10. Kwicala langezantsi mayela nobude bodonga lwentendelezo yangaphandle olwayame intendelezo yendlu kaThixo kwakukho amagumbi

11. anenyoba ngaphambi kwawo. Ayefana namagumbi angasentla: ayefana ngobude, ububanzi, iminyango ilingana nokulingana. Iminyango yamagumbi angasentla

12. yayifana naleyo yamagumbi angasezantsi. Kwakukho umnyango ekungeneni kwenyoba eyayingqalene nodonga elibude bubhekise empuma, ekwakungenwa ngawo xa kuyiwa emagumbini.

13. Le ndoda yathi kum: “Amagumbi angasentla nangasezantsi ajonge intendelezo yendlu kaThixo ngawababingeleli, apho, xa besondela *kuNdikhoyo, batyela khona eyona minikelo ingcwele. Kulapho baya kugcina khona awona madini yeyona minikelo ingcwele – eyokutya, eyesono, neyetyala – kuba yindawo engcwele.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 42