Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 42:2-13 Ibhayibhile (XHO96)

2. Indlu emnyango ujonge emantla yayinobude obungamashumi amahlanu eemitha nobubanzi obungamashumi amabini anantlanu eemitha.

3. Kumacala omabini, icala elaliziimitha ezilishumi ukusuka kwintendelezo ephakathi nakwicala elalingqalene nendlela yentendelezo engaphandle yayiyimigangatho emithathu yeevaranda ezijongeneyo.

4. Ngaphambi kwamagumbi kwakukho inyoba ebubanzi busisihlanu seemitha nobude obungamashumi amahlanu eemitha. Iminyango engena enyobeni yayijonge emantla.

5. Awona magumbi aphezulu ayemxinwa, kuba ayedlelelelwe ziivaranda kunalawo akumgangatho osezantsi nophakathi.

6. Amagumbi omgangatho wesithathu ayengenazo iintsika njengoko kwakunjalo kwintendelezo; ngako oko ayemancinane kunalawo omgangatho osezantsi nophakathi.

7. Kwakukho udonga olungaphandle olungqalene namagumbi kwanentendelezo engaphandle; ukusuka egumbini lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu.

8. Njengokuba uluhlu lwamagumbi ayame intendelezo engaphandle lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu ubude, olo lwalukwicala elisondele esibingelelweni lwalungamashumi amahlanu eemitha ubude.

9. Amagumbi asezantsi ayenesango elingasempumalanga xa uwavelela kwintendelezo engaphandle.

10. Kwicala langezantsi mayela nobude bodonga lwentendelezo yangaphandle olwayame intendelezo yendlu kaThixo kwakukho amagumbi

11. anenyoba ngaphambi kwawo. Ayefana namagumbi angasentla: ayefana ngobude, ububanzi, iminyango ilingana nokulingana. Iminyango yamagumbi angasentla

12. yayifana naleyo yamagumbi angasezantsi. Kwakukho umnyango ekungeneni kwenyoba eyayingqalene nodonga elibude bubhekise empuma, ekwakungenwa ngawo xa kuyiwa emagumbini.

13. Le ndoda yathi kum: “Amagumbi angasentla nangasezantsi ajonge intendelezo yendlu kaThixo ngawababingeleli, apho, xa besondela *kuNdikhoyo, batyela khona eyona minikelo ingcwele. Kulapho baya kugcina khona awona madini yeyona minikelo ingcwele – eyokutya, eyesono, neyetyala – kuba yindawo engcwele.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 42