Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 38:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. IShebha neDan nabarhwebi baseTashishe neelali zayo zonke baya kuthi kuwe: ‘Uze kuthimba na? Eli bandla uliqokelelele ukuza kutyhuthula na? Liza kumka nesiliva negolide nemfuyo nempahla jikelele ngokuyithimba?’

14. “Ngoko ke, mntundini, shumayela uthi kuGogi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mhla xa abantu bam amaSirayeli behleli bengalindele ngozi akuyi kuyiqaphela na loo nto?

15. Uya kuphuma endaweni yakho kwelikude emantla, uhambe nentlaninge yezizwe, zonke zikhwele amahashe, ibandla elikhulu, umkhosi onamandla.

16. Uya kuhlasela abantu bam amaSirayeli okwelifu ligqume umhlaba. Kwimihla ezayo, Gogi, ndiya kukwenza uhlasele ilizwe lam, ukuze zazi izizwe ukuba ndingcwele xa ndizibonakalisa kuwe zijongile.

17. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akunguye na lowo ndakha ndathetha ngaye ngezicaka zam *abashumayeli bakwaSirayeli? Ngelo xesha bashumayela ngeminyaka ezayo besithi ndiya kukwenza ubahlasele.

18. Ngaloo mhla kuya kwenzeka oku: Xa uGogi ehlasela ilizwe lamaSirayeli ndiya kuvukwa ngumsindo oshushu, itsho iNkosi uNdikhoyo.

19. Ngenxa yekhwele nomsindo wam ndathi: Ngenene kuya kubakho inyikima enkulu elizweni lakwaSirayeli.

20. Iintlanzi elwandle, iintaka esibhakabhakeni, izilo endle, nazo zonke izilwanyana ezirhubuluzayo emhlabeni, nabo bonke abantu ehlabathini baya kungcangcazela ngenxa yobukho bam. Ziya kubhukuqwa iintaba; aya kudilika amawa, nazo zonke iindonga ziwe phantsi.

21. Ndiya kumema amakrele kuzo zonke iintaba zam ukuza kutyakatya uGogi, itsho iNgangalala uNdikhoyo. Abacala-nye baya kubulalana.

22. Ndiya kumohlwaya ngobhubhani nangobugwinta; ndiya kunisa izandyondyo zemvula, isichotho nesalfure evuthayo phezu kwakhe naphezu komkhosi wakhe nezo zizwe ahamba nazo.

23. Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 38