Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 34:25-31 Ibhayibhile (XHO96)

25. “Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nomhlambi wam, ndiwagxothe amarhamncwa ezweni, khon' ukuze iigusha zam zihlale entlango, zilale nasemahlathini, ngaphandle koloyiko.

26. Ndiya kuzithamsanqelisa kunye nako konke okujikeleze induli yam. Ndiya kunisa imvula ngexesha layo; kuya kuna iimvula zentsikelelo.

27. Imithi emasimini iya kuba neziqhamo; amasimi aya kuvelisa isivuno; bona abantu bakuziva bengenalo uloyiko elizweni labo. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, mhlenikwezeni ndayophula idyokhwe abayithweleyo, ndabahlangula kwabo bebengamakhoboka abo.

28. Abayi kuphinda babe lixhoba lezizwe nesisulu sokuqwengwa ngamarhamncwa. Baya kuhlala bekhuselekile, bengoyikiswa mntu.

29. Ndiya kubanika umhlaba odume ngokuchuma, bayeke ukuba lixhoba lendlala kwelakowabo nokudelwa zezinye izizwe.

30. Baya kutsho baqonde ukuba mna Ndikhoyo Thixo wabo, ndingakubo, baqonde ukuba nabo ndlu kaSirayeli bangabantu bam, itsho iNkosi uNdikhoyo.

31. Nina zigusha zam, zigusha zedlelo lam, ningabantu; nam ndinguThixo wenu; itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 34