Imithi emasimini iya kuba neziqhamo; amasimi aya kuvelisa isivuno; bona abantu bakuziva bengenalo uloyiko elizweni labo. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, mhlenikwezeni ndayophula idyokhwe abayithweleyo, ndabahlangula kwabo bebengamakhoboka abo.