Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 34:19-26 Ibhayibhile (XHO96)

19. Nithi umhlambi wam mawutye loo ngca beniyinyhasha, usele loo manzi beniwagxobha-gxobha ngeenyawo zenu?

20. “Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Jongani, ndim oya kukhetha igusha etyebileyo kwebhityileyo.

21. Kaloku benityhala ngamacala nangamagxa nizingquzula iigusha ezibuthathaka ngeempondo zenu zada zakhwelela.

22. Ke ngoko ndiya kuwuhlangula umhlambi wam, ukuze ungabuye ube lixhoba. Ndiya kwahlula phakathi kwegusha nenye.

23. Ndiya kuzimisela umalusi omnye, isicaka sam uDavide, oya kuzalusa kakuhle.

24. Mna Ndikhoyo ndiya kuba nguThixo wazo; sona isicaka sam uDavide soba yinkosi yazo. Nditshilo nje mna Ndikhoyo, nditshilo.

25. “Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nomhlambi wam, ndiwagxothe amarhamncwa ezweni, khon' ukuze iigusha zam zihlale entlango, zilale nasemahlathini, ngaphandle koloyiko.

26. Ndiya kuzithamsanqelisa kunye nako konke okujikeleze induli yam. Ndiya kunisa imvula ngexesha layo; kuya kuna iimvula zentsikelelo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 34