Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 32:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ndiya kukuphosa emhlabeni,ndikugibisele elubala.Iintaka ziya kuhlala phezu kwakho;zonke izilwanyana zehlabathi ziya kukwenza ixhwayelo.

5. Ndiya kuyisasaza ezintabeni inyama yakho;iintlambo ziya kuzala ngamaxhwayelo akho.

6. Igazi lakho liya kuqukuqelalizalise ilizwe kude kuye ezintabeni;inyama yakho iya kuzalisa zonke iingxingwa.

7. Xa ndikucima igama,ndiya kuligquma izulu,ndizigubungele iinkwenkwezi.Ilanga ndiya kulisitha ngelifu;inyanga ayisayi kukhanya.

8. Phezu kwakho ndiya kukucima ukukhanya kwezulu,ndihlise ubumnyama phezu kwelizwe,itsho iNgangalala uNdikhoyo.

9. “Intlaninge yezizwe yosuka ikhathazekezakuva ngokutshatyalaliswa kwakho,nditsho namazwe ongazange uwazi.

10. Ndiya kukwenza ube nomdintsi ezizweni;iikumkani ziya kuba namanwele ngenxa yakho,xa ikrele lam limenyezela zijongile.Mhla waphelelwa ziya kuthuthumela zonke;zovakala zisithi: ‘Sosinda kanjani thina?’

11. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi:“Liza kungena kuwe ikrele lekumkani yaseBhabheli.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 32