Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 29:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kodwa ndiya kukufaka igwegwe phakathi kwemihlathi,ndizitsho iintlanzi zeentlambo zakho zinamathele emaxolweni akho.Ndiya kukurhola ndikukhuphe emlanjenizijinga njalo iintlanzi emaxolweni akho.

5. Ndiya kukuphosa entlango wena nezo ntlanzi zasentlanjeni.Uya kuwa elubala, ungaqokelelwa bani.Ndiya kukunikela kwizilwanyana zasendle neentaka zezulu,ube lixhoba lazo.

6. “Xa kunjalo bonke abahlala eJiputa baya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo.“Ubusoloko ungumsimelelo wengcongolo wendlu kaSirayeli.

7. Bathe bakukubamba ngezandla, wasuka wakroboka, wabahlaba amanxeba emakhwapheni; bathe bakusimelela ngawe, wasuka wee shwaqa, baza bakruneka imiqolo.

8. “Ngako oko ke ithi iNkosi uNdikhoyo: Ndiza kukuthumela ngekrele, abulawe onke amadoda nemfuyo yakho.

9. IJiputa iya kuba lilizwe elisebugxwayibeni. Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.“Kaloku uthe: ‘INayile yeyam; ndazidalela mna ngokwam.’

10. Ndiyalwa nawe ke ngoko, wena nemisinga yomlambo wakho. Ndiza kulitshabalalisa izwe laseJiputa, libe yinkangala ukusuka eMigidoli naseAswan kuye kuthi gaa ngemida yaseKushe.

11. Akusayi kucanda mntu nasilo kulo; akusayi kuhlala mntu iminyaka engamashumi amane.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 29