Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 26:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ndiya kukwenza ufane nolwalwa olungenakuhluma nto, uze ube yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Akusokuze uphinde uvuswe, kuba kaloku kuthethe mna Ndikhoyo iNkosi.”

15. Ithi iNgangalala uNdikhoyo kwiTire: “Ngaba bebengangcangcazeli na sisandi sokuwa kwakho abemi phezu konxweme, naxa isitsho incwina yeengxwelerha xa ikrele lisidla kuwe?

16. Ngelo xesha zonke iikumkani zamazwe onxweme lolwandle ziya kuhla ezihlalweni zazo, ziyithi xibilili iminweba yazo, zizikhulule neengubo zazo ezihonjisiweyo. Ziya kuhlala phantsi zizel' ululoyiko, zingcangcazela ngalo lonke ixesha ngenxa yomothuko wento eziyibona kuwe.

17. Ziya kwenza isililo ngawe, zithi kuwe:“ ‘Yehaa!Watshabalala, sixekondini sodumo, ikhaya lamadoda aselwandle!Ubunegunya elwandle, wena nabemi bakho,ngenxa yakho bebethuthumela bonke abahlala apho.

18. Abemi baselunxwemeni bayangcangcazela ngalo mhla wokuwa kwakho;abaseziqithini bayagubha ngenxa yokuwa kwakho.’ ”

19. Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Ndiya kukutshabalalisa ube linxuwa, kungabi sabakho bani uhlala kuwe; ndiya kukuntywilisela enzonzobileni yamanzi olwandle;

20. ndiya kukutshonisa emhadini, ndikuhlalise ekhayeni lamanyange. Ndiya kukwenza uhlale emathunjini omhlaba, nawe Tire ufane namanxuwa ezixeko zamandulo. Kwanjengazo awusoze ubuye uluxhamle udumo kumhlaba wabaphilayo.

21. Isiphelo sakho siya koyikeka, kuba uya kubhujiswa kuphele. Uya kufunwa, kodwa ungaze ufunyanwe, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 26