ndiya kukutshonisa emhadini, ndikuhlalise ekhayeni lamanyange. Ndiya kukwenza uhlale emathunjini omhlaba, nawe Tire ufane namanxuwa ezixeko zamandulo. Kwanjengazo awusoze ubuye uluxhamle udumo kumhlaba wabaphilayo.