Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 24:18-27 Ibhayibhile (XHO96)

18. Kusasa ke ndathetha nabantu, yaza inkosikazi yam yasweleka ngokuhlwa. Ngentsasa elandelayo ndenza ngokomyalelo.

19. Baza abantu bandibuza bathi: “Khawusixelele, thina singena phi apha?”

20. Ndaza ndathi kubo: “Ndive ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

21. Xelela indlu kaSirayeli uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kusixabhela isibingelelo sam – inqaba yenu yeqhayiya, leyo ithi kuni: ‘Ndijonge,’ into eniyithanda kunene. Oonyana neentombi zenu enizishiyileyo ziza kubulawa ngekrele.

22. Niya kuxelisa mna: aniyi kuzigquma iindevu zenu, ningayi kukutya nokutya kwabazili njengesiqhelo.

23. Niya kuhlala niyithwele iminqwazi yenu, neembadada nosoloko nizinxibile. Aniyi kuzila, aniyi kulila, kodwa nosuka niye niphela ngokuphela emzimbeni ngenxa yesono senu; niya kungqukruleka nje kuphela.

24. Uya kuba ngumqondiso kuni uHezekile; niya kuxelisa yena. Xa kunjalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo iNkosi.

25. “Ke wena, mntundini, mhla ndayisusa inqaba yabo, uchulumanco nozuko lwabo, uvuyo lwamehlo abo, eyona nto ithe ngco ezintliziyweni zabo, kwanoonyana neentombi zabo,

26. uya kufika kuwe obhungcileyo ekuphathele iindaba.

27. Umlomo wakho uya kuvuleka ngoko nangoko; uya kuthetha naye kuba ungenakuthula. Ke ngoko uya kuba ngumqondiso kubo, baze baqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 24