Niya kuhlala niyithwele iminqwazi yenu, neembadada nosoloko nizinxibile. Aniyi kuzila, aniyi kulila, kodwa nosuka niye niphela ngokuphela emzimbeni ngenxa yesono senu; niya kungqukruleka nje kuphela.