Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 23:5-23 Ibhayibhile (XHO96)

5. “UOhola wabuqala ubuhenyukazi esengowam, wasemva kwezithandwa zakhe, ama-Asiriya, amadoda omkhosi,

6. wona egaxele impahla yawo ezuba; ewe, abalawuli nabaphathi-mkhosi, onke ingamagatyana anomkhitha nomfaneleko xa ekhwele emahashini awo.

7. Waba lihenyukazi lazo zonke izinxiba-mxhaka zaseAsiriya, wazenyelisa ngezithixo zabo bonke awayebabawela.

8. Akabuyekanga ubuhenyukazi awayebuqale eJiputa ebutsheni bakhe, apho abafana babelala naye, bamphatha-phathe amabele, bemnyumbazela ukufeba.

9. “Ndasuka ke mna ndamyekela kwizithandwa zakhe ama-Asiriya awayezilangazelela.

10. Zamhluba, zabathatha oonyana neentombi, zaza yena zamtyakatya ngekrele. Waba ngundaba-mlonyeni kwabanye abafazi, waza wohlwaywa.

11. “Udade wabo uOholibha wakubona konke oku, kodwa wagabadela kunodade wabo ngobufebe nobuhenyukazi.

12. Naye wafeba nama-Asiriya, abalawuli nabaphathi-mkhosi, amadoda omkhosi egaxele impahla yawo, ekhwele emahashini awo, onke ingamagatyana anomkhitha.

13. Naye ndambona ezinyelisa ngokuhamba ngekhondo lodade wabo.

14. “Wade wagqithisa. Wabona imifanekiso yamadoda aseBhabheli izotywe eludongeni ngepeyinti ebomvu,

15. ebhinqe iibhanti zawo, ethwele iiqhiya ezibhabha emoyeni, yaza yanga ngamagosa omkhosi weenqwelo zokulwa zaseBhabheli, amaKaledi ngokwawo.

16. Uthe akuyibona le mifankeso wawalangazelela la madoda, wathumela izigidimi kuwo kwelamaKaledi.

17. Agaleleka ke amadoda aseBhabheli, angena emandlalweni, alala naye. Kamva asuke aba nezothe kuye, wawalahla.

18. Uthe akubuqhuba phandle ubuhenyukazi, wangumntu ongawukhathaleleyo umzimba wakhe, ewuhluba engenantloni, nam ndamlahla, ndaxelisa mini ndalahla udade wabo.

19. “Wasuka waya ehambela phambili emanyaleni ngokungathi ukhumbula ubutsha bakhe bobuhenyukazi eJiputa.

20. Wayefeba nezithandwa zakhe ezibudoda bufana nobedonki nezimchamela okwehashe.

21. Kube njalo ke ukulangazelela iintlondi zobutsha bakho eJiputa apho wawuphathwa-phathwa amabele, ucofwa-cofwa iingono.

22. “Ngako oko, Oholibha, iNgangalala uNdikhoyo ithi: Ndiza kuzifunza kuwe izithandwa zakho, eziya ubuzilahle kuba uzenyanya; ziza kuphuma macalana onke:

23. ezaseBhabheli namaKaledi, abafo basePekodi, eShowa, naseKhowa, nawo onke ama-Asiriya, amagatyana, abafana abanomkhitha, abalawuli, abaphathi-mkhosi, amagosa eenqwelo zokulwa, nezinye izithwala-ndwe, bonke bekhwele emahashini abo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 23