Baza kukuhlasela ngezixhobo, ngeenqwelo zomkhosi, nezinye iinqwelo, kwakunye nesihlwele sabantu; uya kurhawulwa macalana onke ngabantu abaphethe amakhaka neengweletshetshe, benxibe iminqwazi yesinyithi. Ndiya kukunikezela kubo ukuze bakohlwaye ngokwesiko labo.