Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 23:43-49 Ibhayibhile (XHO96)

43. Ndaza ndathi ngalowo selegqityiwe kukukrexeza: ‘Ke ngoku mabamqhube njengehenyukazi, kuba kakade ulilo.’

44. Balala naye ke. Ngokwamadoda elala nehenyukazi balala nazo ezo zifebe zabafazi uOhola no-Oholibha.

45. Kodwa wona amadoda angamalungisa aya kubohlwaya ngesohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi, kuba bengabakrexezi abazandla zibomvu ligazi.”

46. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: “Babizele imbizo barhwaqeliswe baphangwe.

47. Imbizo iya kubaxuluba ngamatye, ibatyakatye ngamakrele; iya kubulala oonyana neentombi zabo, itshise izindlu zabo.

48. “Ndiya kwenjenjalo ukuphelisa ubufebe kweli lizwe, khon' ukuze bonke abafazi balulekwe, bangahambi ekhondweni lenu.

49. Niza kohlwaywa ngobufebe benu nangezono zenu zokunqula *izithixo. Kwakuba njalo ke niya kwazi ukuba ndiyiNkosi uNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 23