Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 23:35-41 Ibhayibhile (XHO96)

35. “Ngoko ke itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kuba usuke wandilibala, wandifulathela, uza kusithwala isono sokufeba nobuhenyukazi bakho.”

36. Wathi kum uNdikhoyo: “Mntundini, bagwebe oo-Ohola no-Oholibha! Baxelele ngezenzo zabo ezibi,

37. kuba bakrexezile, baza baphalaza igazi. Bakrexezile nezithixo zabo; bade benza amadini ngabantwana babo ababendizalele bona, batyisa izithixo.

38. Naku abakwenzileyo kum: kwangelo xesha basigqwalisile isibingelelo sam, bawunyelisa *noMhla wam wokuPhumla.

39. Kanye ngalo mhla benza idini ngabantwana babo kwizithixo zabo, bangena esibingelelweni sam, basigqwalisa. Nantso ke into abayenzileyo endlwini yam.

40. “Bade bathumela izigidimi emadodeni, afika evela kude, aza athi akufika nahlamba umzimba, nisenzela wona, naqaba amehlo, nafaka izihombo zenu.

41. Nahlala esofeni emfuma-mfuma, kwamiswa itafile phambi kwayo, ithwele iziqhumiso namafutha am.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 23