Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 23:32-47 Ibhayibhile (XHO96)

32. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Uya kurhabula kwindebe yodade wenu enomthamo omkhulu;iya kukuzisela ukuphoxeka, kuba ithwele lukhulu.

33. Uya kunxila kube lusiziyindebe yokuphalala nembubho,indebe yodade wenu uSamariya.

34. Uya kuyisela uyifince;uya kuyicumza ibe ziingceba,uwaphale amabele akho.Ndithethile, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

35. “Ngoko ke itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kuba usuke wandilibala, wandifulathela, uza kusithwala isono sokufeba nobuhenyukazi bakho.”

36. Wathi kum uNdikhoyo: “Mntundini, bagwebe oo-Ohola no-Oholibha! Baxelele ngezenzo zabo ezibi,

37. kuba bakrexezile, baza baphalaza igazi. Bakrexezile nezithixo zabo; bade benza amadini ngabantwana babo ababendizalele bona, batyisa izithixo.

38. Naku abakwenzileyo kum: kwangelo xesha basigqwalisile isibingelelo sam, bawunyelisa *noMhla wam wokuPhumla.

39. Kanye ngalo mhla benza idini ngabantwana babo kwizithixo zabo, bangena esibingelelweni sam, basigqwalisa. Nantso ke into abayenzileyo endlwini yam.

40. “Bade bathumela izigidimi emadodeni, afika evela kude, aza athi akufika nahlamba umzimba, nisenzela wona, naqaba amehlo, nafaka izihombo zenu.

41. Nahlala esofeni emfuma-mfuma, kwamiswa itafile phambi kwayo, ithwele iziqhumiso namafutha am.

42. “Kwavakala intswahla yesihlwele sabantu abagcobileyo kuloo ndawo wayekuyo; amaSabheya entlango eza nomxukuxela, aza afaka izacholo ezingalweni zomfazi lowo nodade wabo, abathwalisa nezithsaba entloko.

43. Ndaza ndathi ngalowo selegqityiwe kukukrexeza: ‘Ke ngoku mabamqhube njengehenyukazi, kuba kakade ulilo.’

44. Balala naye ke. Ngokwamadoda elala nehenyukazi balala nazo ezo zifebe zabafazi uOhola no-Oholibha.

45. Kodwa wona amadoda angamalungisa aya kubohlwaya ngesohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi, kuba bengabakrexezi abazandla zibomvu ligazi.”

46. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: “Babizele imbizo barhwaqeliswe baphangwe.

47. Imbizo iya kubaxuluba ngamatye, ibatyakatye ngamakrele; iya kubulala oonyana neentombi zabo, itshise izindlu zabo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 23