Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 23:27-42 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ndiya kuphelisa ubufebe nobuhenyukazi owabuqala eJiputa. Uza kuyeka ukuzilangazelela ezo nto, uyilibale neJiputa.

28. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukunikezela kwabo ubathiyileyo, abo ubafulathele kuba benezothe.

29-30. Baza kuyikhuphela kuwe intiyo yabo, bazihluthe izinto ozibileleyo. Baya kukushiya uze, ihlazo lobuhenyukazi lakho litshiswe lilanga. Konke oku kungenxa yobufebe namanyala akho, kuba kaloku unqwenele ezinye iintlanga waza wazigqwalisa ngezithixo zazo.

31. Ulandele ikhondo lodade wenu; ngako oko uza kurhabula kwindebe yakhe.

32. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Uya kurhabula kwindebe yodade wenu enomthamo omkhulu;iya kukuzisela ukuphoxeka, kuba ithwele lukhulu.

33. Uya kunxila kube lusiziyindebe yokuphalala nembubho,indebe yodade wenu uSamariya.

34. Uya kuyisela uyifince;uya kuyicumza ibe ziingceba,uwaphale amabele akho.Ndithethile, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

35. “Ngoko ke itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kuba usuke wandilibala, wandifulathela, uza kusithwala isono sokufeba nobuhenyukazi bakho.”

36. Wathi kum uNdikhoyo: “Mntundini, bagwebe oo-Ohola no-Oholibha! Baxelele ngezenzo zabo ezibi,

37. kuba bakrexezile, baza baphalaza igazi. Bakrexezile nezithixo zabo; bade benza amadini ngabantwana babo ababendizalele bona, batyisa izithixo.

38. Naku abakwenzileyo kum: kwangelo xesha basigqwalisile isibingelelo sam, bawunyelisa *noMhla wam wokuPhumla.

39. Kanye ngalo mhla benza idini ngabantwana babo kwizithixo zabo, bangena esibingelelweni sam, basigqwalisa. Nantso ke into abayenzileyo endlwini yam.

40. “Bade bathumela izigidimi emadodeni, afika evela kude, aza athi akufika nahlamba umzimba, nisenzela wona, naqaba amehlo, nafaka izihombo zenu.

41. Nahlala esofeni emfuma-mfuma, kwamiswa itafile phambi kwayo, ithwele iziqhumiso namafutha am.

42. “Kwavakala intswahla yesihlwele sabantu abagcobileyo kuloo ndawo wayekuyo; amaSabheya entlango eza nomxukuxela, aza afaka izacholo ezingalweni zomfazi lowo nodade wabo, abathwalisa nezithsaba entloko.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 23