Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 23:21-26 Ibhayibhile (XHO96)

21. Kube njalo ke ukulangazelela iintlondi zobutsha bakho eJiputa apho wawuphathwa-phathwa amabele, ucofwa-cofwa iingono.

22. “Ngako oko, Oholibha, iNgangalala uNdikhoyo ithi: Ndiza kuzifunza kuwe izithandwa zakho, eziya ubuzilahle kuba uzenyanya; ziza kuphuma macalana onke:

23. ezaseBhabheli namaKaledi, abafo basePekodi, eShowa, naseKhowa, nawo onke ama-Asiriya, amagatyana, abafana abanomkhitha, abalawuli, abaphathi-mkhosi, amagosa eenqwelo zokulwa, nezinye izithwala-ndwe, bonke bekhwele emahashini abo.

24. Baza kukuhlasela ngezixhobo, ngeenqwelo zomkhosi, nezinye iinqwelo, kwakunye nesihlwele sabantu; uya kurhawulwa macalana onke ngabantu abaphethe amakhaka neengweletshetshe, benxibe iminqwazi yesinyithi. Ndiya kukunikezela kubo ukuze bakohlwaye ngokwesiko labo.

25. Ndiya kuwukhuphela kuwe umsindo wobukhwele bam, nawe uya kuwuva umsindo wabo ovuthayo. Baya kukususa impumlo neendlebe, aze amasalela abulawe ngekrele. Baya kubathimba oonyana bakho neentombi, baze abaseleyo baphoswe emlilweni.

26. Baya kukukhululisa impahla, bazihluthe izihombo zakho.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 23