Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 23:18-32 Ibhayibhile (XHO96)

18. Uthe akubuqhuba phandle ubuhenyukazi, wangumntu ongawukhathaleleyo umzimba wakhe, ewuhluba engenantloni, nam ndamlahla, ndaxelisa mini ndalahla udade wabo.

19. “Wasuka waya ehambela phambili emanyaleni ngokungathi ukhumbula ubutsha bakhe bobuhenyukazi eJiputa.

20. Wayefeba nezithandwa zakhe ezibudoda bufana nobedonki nezimchamela okwehashe.

21. Kube njalo ke ukulangazelela iintlondi zobutsha bakho eJiputa apho wawuphathwa-phathwa amabele, ucofwa-cofwa iingono.

22. “Ngako oko, Oholibha, iNgangalala uNdikhoyo ithi: Ndiza kuzifunza kuwe izithandwa zakho, eziya ubuzilahle kuba uzenyanya; ziza kuphuma macalana onke:

23. ezaseBhabheli namaKaledi, abafo basePekodi, eShowa, naseKhowa, nawo onke ama-Asiriya, amagatyana, abafana abanomkhitha, abalawuli, abaphathi-mkhosi, amagosa eenqwelo zokulwa, nezinye izithwala-ndwe, bonke bekhwele emahashini abo.

24. Baza kukuhlasela ngezixhobo, ngeenqwelo zomkhosi, nezinye iinqwelo, kwakunye nesihlwele sabantu; uya kurhawulwa macalana onke ngabantu abaphethe amakhaka neengweletshetshe, benxibe iminqwazi yesinyithi. Ndiya kukunikezela kubo ukuze bakohlwaye ngokwesiko labo.

25. Ndiya kuwukhuphela kuwe umsindo wobukhwele bam, nawe uya kuwuva umsindo wabo ovuthayo. Baya kukususa impumlo neendlebe, aze amasalela abulawe ngekrele. Baya kubathimba oonyana bakho neentombi, baze abaseleyo baphoswe emlilweni.

26. Baya kukukhululisa impahla, bazihluthe izihombo zakho.

27. Ndiya kuphelisa ubufebe nobuhenyukazi owabuqala eJiputa. Uza kuyeka ukuzilangazelela ezo nto, uyilibale neJiputa.

28. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukunikezela kwabo ubathiyileyo, abo ubafulathele kuba benezothe.

29-30. Baza kuyikhuphela kuwe intiyo yabo, bazihluthe izinto ozibileleyo. Baya kukushiya uze, ihlazo lobuhenyukazi lakho litshiswe lilanga. Konke oku kungenxa yobufebe namanyala akho, kuba kaloku unqwenele ezinye iintlanga waza wazigqwalisa ngezithixo zazo.

31. Ulandele ikhondo lodade wenu; ngako oko uza kurhabula kwindebe yakhe.

32. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Uya kurhabula kwindebe yodade wenu enomthamo omkhulu;iya kukuzisela ukuphoxeka, kuba ithwele lukhulu.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 23