Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 20:28-43 Ibhayibhile (XHO96)

28. “Ndathi ndakufika nabo kumhlaba endandifungile ukuba ndiya kubanika wona, bona baba ngábona induli ephakamileyo okanye umthi oqhamileyo, basuka benza amadini neminikelo, into eyandixhokonxayo, bade banikela nangeziqhumiso ezivumba limnandi nangezinto ezithululwayo.

29. Ndabuza ndathi kubo: ‘Sisiphi esi sibingelelo niquqela kuso?’ ” (Nanamhla oku kuthiwa sisibingelelo.Okanye “indawo ephakamileyo yonqulo”)

30. “Ke ngoko yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNgangalala *uNdikhoyo ukuthi: Ngaba niza kuzigqwalisa nixele ooyihlo, nilangazelela *izithixo ezinezothe?

31. Xa ninikezela izipho zenu – idini elingoonyana benu emlilweni – niyazigqwalisa nangoku ngezithixo zenu. Ke, mzi kaSirayeli, nithi mandiniyeke nibuzise kum? Ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, andisokuze ndiyivume loo nto.

32. “Nina nithi: ‘Sifuna ukufana nezinye iintlanga, nabanye abantu behlabathi abanqula umthi nelitye.’ Kodwa ayisokuze ihle loo nto niyifunayo.

33. Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyafunga, ndiza kunilawula ngesandla esigadalala, niyive ingqumbo yam.

34. Ngamandla am amakhulu ndiya kuniphuthuma ezizweni, ndinibuyise emazweni ebenibhacele kuwo ngenxa yengqumbo yam.

35. Ndiya kunibeka kwintlango yeentlanga, ndinigwebe sijongene ubuso ngobuso.

36. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kunigweba njengoko ndandenzile kooyihlo kwintlango yaseJiputa.

37. Ndiya kunalusa nihambe phantsi komsimelelo wam, ndinifake phantsi kwembophelelo yomnqophiso.

38. “Ndiya kubakhuphela ngaphandle abo banenkani bandivukelayo. Nakuba ndiya kubakhupha kwilizwe abaphambukele kulo, kodwa abayi kungena kwilizwe lakwaSirayeli. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.

39. “Kuni ke, ndlu kaSirayeli, itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Hambani nonke ngabanye, niye kunqula izithixo zenu ezinezothe. Kodwa kamva niya kundiphulaphula, nahlukane nokunyelisa igama lam elingcwele ngeminikelo nezithixo zenu.

40. “Nanku umlomo weNkosi uNdikhoyo: Phezu kwentaba yam eyodwa, intaba ephakamileyo kaSirayeli, apho kanye elizweni, kulapho iya kundinqula khona indlu kaSirayeli iphela, nam ndoyamkela. Apho ndiya kuyifuna imirhumo yenu neminikelo yenu ekhethiweyo kwakunye namadini enu awodwa.

41. Ndiya kunamkela okwesiqhumiso esivumba limnandi xa ndiniphuthuma ezizweni ndinihlanganisa kuloo mazwe nibhacele kuwo, ndize ndizityhile ubungcwele bam kuni, ezinye izizwe zibona.

42. Niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa ndiningenisa elizweni lakwaSirayeli, ilizwe endafunga ndamisa isibhozo ukuba ndiya kulinikezela kooyihlo.

43. Apho ke niya kuyikhumbula indlela ebeniziphethe ngayo, nezenzo zenu ezinigqwalisileyo, nize nizizonde ngobugwenxa benu.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 20