kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 19 Ibhayibhile (XHO96)

Ukulilela iinkosi zakwaSirayeli

1. “Yitsho ngesililo ngenxa yeenkosi zakwaSirayeli,

2. uthi:“ ‘Unyoko wayeyingonyama phakathi kweengonyama!Ubebuthuma phakathi kwamathole eengonyama,esanyisa amathole akhe.

3. Walondla lakhula elinye ithol' iduna,languxholovane wengonyama.Yafund' ukudlavuz' ixhoba,yawathi nqwam-nqwam amadoda.

4. Yaduma ezizweni,bayombela umgibe, yabanjiswa.Bayirhola ngamagwegwe,baya nayo eJiputa.

5. “ ‘Akuphela amathemba kunina,lakuba iqhayiya lakhe limkile,wathabatha elinye kumathole akhe,walenza uxholovane wengonyama.

6. Yanyalasa phakathi kweengonyama,kuba kaloku yayisisigantsontso sengonyama;yafunda ukudlavuza amaxhobanokuwathi nqwam-nqwam amadoda.

7. Yangena ezililini zawo,yenza iziqwenga ezixekweni.Yaduma larhwaqela lonke ilizwekwanabo bangabemi balo.

8. Zayivukela izizwe,nabantu bemimandla esondeleyo;bayithiyela ngezabatha,yabhajiswa emgibeni wabo.

9. Bayirhola ngamagwegwe, bayifaka ehokweni;beza nayo kukumkani waseBhabheli,yavalelwa entolongweni.Awabe uphinde uviwe umgqumo wayo kwiintaba zakwaSirayeli.

10. “ ‘Unyoko ubenjengomdiliya okuvelisileyo,otyalwe kufuphi namanzi,uqhamile uyokozela amasebekuba emaninzi amanzi.

11. Ebomelele amasebe awo,efanele intonga yabalawuli.Ubumde, ubuvelele utyani,ubalasele ngobude nangamasebe ashinyeneyo.

12. Ngomsindo wancothulwa,wawiswa phantsi emhlabeni;wabuna lulophu,zavuthuluka iziqhamo;loma isebe elomeleleyo,labaswa emlilweni.

13. Kungokunje utyalwe entlango,kumhlaba owome nko.

14. Umlilo wanwenwela kwelinye lamasebe awo,zatsha iziqhamo.Akusekho sebe lomeleleyoelifanele intonga yabalawuli.’“Sisililo esi; masibe sisililo ke.”