kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 15 Ibhayibhile (XHO96)

IJerusalem ngumdiliya ongenamsebenzi

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, ngaba lubhetele ukhuni lomdiliya kunemithi yasehlathini?

3. Kukho lutho lwenziwayo na ngokhuni lomdiliya? Ngaba kukhe kwenziwe izikhonkwane zokuxhoma ngalo?

4. Ukuba lubasiwe lwavutha macala, lwarhawuka umongo, ngaba kusekho lutho lungenziwa ngalo?

5. Xa belingenamsebenzi liselukhuni kubeka phi ke ngoku xa lurhawukile?

6. “Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kwimithi yehlathi ukhuni lwediliya ndilumisele ukuba lubaswe. Kuya kuba njalo nakubemi baseJerusalem.

7. Ndiya kubachasa. Naxa sebephuma emlilweni basaya kutsha ngumlilo kwakhona. Xa sendibachasa baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo.

8. Ndiya kuwubharhisa umhlaba kuba bengathembekanga, itsho iNkosi uNdikhoyo.”