Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 18:28-32 Ibhayibhile (XHO96)

28. Kuba eziqondile iziphoso zakhe, waza wazilahla, akayi kufa, koko uya kudla ubomi.

29. Kodwa ke noko indlu kaSirayeli isatsho ukuthi: ‘Inkqubo kaNdikhoyo ayinalungelelwano.’ Ndlu kaSirayeli, inolungelelwano inkqubo yam. Ziindlela zenu ezingenalo ulungelelwano.

30. “Ngako oko, ndlu kaSirayeli, umntu ngamnye kuni ndiza kumgweba ngokwezenzo zakhe, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani! Rhoxani kuzo zonke izikreqo enizenzayo, ukuze ningatshabalali ngenxa yenkohlakalo yenu.

31. Yahlukanani nezikreqo ebenifudula nizenza, nizifumanele intliziyo entsha, nomoya omtsha. Ngani ukuba nife, ndlu kaSirayeli?

32. Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 18