Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 12:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ndiya kubasarhaza bonke abalandeli, nditsho nkqu amafanankosi nemikhosi. Ndiya kubaleqa ndiqhiwule ikrele.

15. “Xa sendibenze baphalala ezintlangeni nasemazweni baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.

16. Kodwa ndiya kusindisa intsalela yabo ekutshatyalalisweni likrele, nendlala, nobhubhani, khon' ukuze izixele izenzo zabo ezimanyumnyezi kwezo ntlanga iya kuhamba phakathi kwazo. Xa kunjalo baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

17. Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:

18. “Mntundini, ngcangcazela xa usidla ukutya kwakho, udude kukoyika xa usela amanzi.

19. Yithi kubantu beli lizwe: ‘Ngokuphathelele kubantu abahlala eJerusalem nakwilizwe lamaSirayeli itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ukutya kwabo baya kukutya bexhalabile, amanzi bawasele bephelelwe lithemba, kuba ilizwe labo liza kushiywa lize ngenxa yezenzo zobutshijolo zabantu balo.

20. Izixeko ezinabantu ziya kuba ngamabhodlo, lize ilizwe libe sebugxwayibeni. Noqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”

21. Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:

22. “Mntundini, andibi kukho iqhalo kwaSirayeli elithi: ‘Ziyahamba zona iintsuku, wona umbono ungaphumi ntweni’?

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 12