Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 8:27-36 Ibhayibhile (XHO96)

27. iindebe zegolide ezingama-20: isi-8 esinesiqingatha seekhilogram;iindebe zobhedu ezi-2: zazilingana neendebe zegolide ngexabiso.

28. Ndathi kubo: “Nina ke ningcwalisekile *kuNdikhoyo; zikwanjalo nezi zitya. Isiliva negolide zinikezelwe kuNdikhoyo uThixo wooyihlo zingumnikelo wokuqhutywa yintliziyo.

29. Ngoko ke zigcineni ngenyameko nide nizifake emlinganisweni kumagumbi endlu kaNdikhoyo eJerusalem phambi kwababingeleli abaziinkokheli nabaLevi neenkulu zezindlu zakwaSirayeli.”

30. Ababingeleli nabaLevi ke bayamkela isiliva negolide nezitya ezingcwele ezazifakwe emlinganisweni ziza kusiwa endlwini kaThixo eJerusalem.

31. Ke kaloku ngomhla weshumi elinambini kwinyanga yokuqala sanduluka kumlambo waseAhava, sasinga eJerusalem. Isandla sikaThixo wethu saba phezu kwethu, wasikhusela ezintshabeni zethu nakwizikrelemnqa zendlela.

32. Saya kufika eJerusalem, saza ke saphumla iintsuku zantathu.

33. Ke kaloku ngosuku lwesine sayilinganisa isiliva negolide nezinto ezingcwele, sazinikela kuMeremoti unyana kaUriya umbingeleli endlwini kaThixo wethu. UElazare unyana kaPineyasi wayekunye naye, ngokunjalo naba baLevi: uYozabhadi unyana kaYeshuwa noNowadiya unyana kaBhinuwi.

34. Yonke ke into eyayilapho yabalwa ngamanani nangobunzima, kwaza ke kwangelo thuba kwabhalwa phantsi.

35. Ke kaloku abathinjwa ababuyayo benzela uThixo kaSirayeli amadini atshiswayo: ishumi elinambini leenkunzi zeenkomo ngenxa kaSirayeli ephela, iinkunzi zeegusha ezimashumi alithoba anesithandathu, namashumi asixhenxe anesixhenxe amaxhwane angamaduna, kunye neshumi elinambini leebhokhwe ezingamaduna zokwenza idini lesono. Yonke loo nto ke yayiyeyokwenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo.

36. Bayinikezela nencwadi eyayiphuma kukumkani, bayinika iirhuluneli nabalawuli bakwelentshona ye-Efrati; ke bona babancedisa abantu, bafaka igxalaba nakumsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Uezra 8