Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 7:23-26 Ibhayibhile (XHO96)

23. Nantoni na emiselwe indlu yakhe nguThixo wezulu mayiqwalaselwe ayenzelwe. Ngani ukuba umbuso kakumkani noonyana bakhe uyekelwe ngengqumbo?

24. Kananjalo uze uqonde ukuba akunagunya lakubiza rhafu, mnikelo, namrhumo, kubabingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, okanye nomnye umntu osebenza apho endlwini kaThixo.

25. “Ke wena, Ezra, ngokobulumko onabo obuphiwe nguThixo wakho, misela oomantyi nabagwebi ukuze bajonge ucwangco kubo bonke abantu abalapho kwelentshona ye-Efrati – bonke abawaziyo umthetho woThixo wakho. Bonke ke abangawaziyo uze ubafundise.

26. Wonke umntu ongawuthobeliyo umthetho woThixo wakho, makohlwaywe ngokubulawa, ukugxothwa, ukuhluthwa izinto anazo, okanye ke avalelwe entolongweni.”

funda isahluko epheleleyo Uezra 7