Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 7:22-28 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ewe, angánikwa kude kuye kuma kwisiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane, nengqolowa ebunzima buziikhilogram ezilishumi lamawaka, namawaka amabini eelitha zewayini, namafutha omnquma aziilitha ezingamawaka amabini, ityuwa ke yona kangangoko ifunekayo.

23. Nantoni na emiselwe indlu yakhe nguThixo wezulu mayiqwalaselwe ayenzelwe. Ngani ukuba umbuso kakumkani noonyana bakhe uyekelwe ngengqumbo?

24. Kananjalo uze uqonde ukuba akunagunya lakubiza rhafu, mnikelo, namrhumo, kubabingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, okanye nomnye umntu osebenza apho endlwini kaThixo.

25. “Ke wena, Ezra, ngokobulumko onabo obuphiwe nguThixo wakho, misela oomantyi nabagwebi ukuze bajonge ucwangco kubo bonke abantu abalapho kwelentshona ye-Efrati – bonke abawaziyo umthetho woThixo wakho. Bonke ke abangawaziyo uze ubafundise.

26. Wonke umntu ongawuthobeliyo umthetho woThixo wakho, makohlwaywe ngokubulawa, ukugxothwa, ukuhluthwa izinto anazo, okanye ke avalelwe entolongweni.”

27. Makadunyiswe uNdikhoyo uThixo woobawo, yena wenza ukumkani wayihlonela ngale ndlela indlu kaNdikhoyo eJerusalem,

28. nothe wandenza ndamkeleka kukumkani nabacebisi bakhe, nawo onke amaphakathi akhe aphambili. Ngenxa yokuba ke sasiphezu kwam isandla sikaNdikhoyo uThixo wam, ndatsho ndomelela ndaqokelela amadoda aphambili kwaSirayeli, sahamba kunye.

funda isahluko epheleleyo Uezra 7