Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 7:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kamva ke, ngethuba lolawulo lukakumkani wasePeshiya uAtashasta, kwagaleleka uEzra, ephuma eBhabheli. UEzra lo wayengunyana kaSeraya, ka-Azariya, kaHilekiya,

2. kaShalum, kaZadoki, ka-Ahitubhi,

3. ka-Amariya, ka-Azariya, kaMerayoti,

4. kaZeraya, kaUzi, kaBhuki,

5. ka-Abhishuwa, kaPineyasi, kaElazare unyana wombingeleli omkhulu uAron.

6. Ke yena uEzra lo owagalelekayo ephuma eBhabheli, wayengumchazi-mthetho ochubekileyo kwezomthetho kaMosis, mthetho lowo wakhutshwa *nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Ke kaloku ukumkani wayemnike konke awayekufuna, kuba isandla sikaNdikhoyo, uThixo wakhe, sasiphezu kwakhe.

7. Ngonyaka wesixhenxe wolawulo lukakumkani uAtashasta kwabakho namanye amaSirayeli abuyela eJerusalem, phakathi kwawo kukho ababingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango nezicaka zendlu kaThixo.

8. UEzra wafika eJerusalem kwinyanga yesihlanu, kunyaka wesixhenxe, wolawulo lukakumkani uAtashasta.

funda isahluko epheleleyo Uezra 7