Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 6:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Izitya zegolide nezesiliva zendlu kaThixo leyo ezazithathwe ngukumkani uNebhukadenezare apho kuloo ndlu eJerusalem, weza nazo eBhabheli, mazibuyiselwe endaweni yazo kuloo ndlu iseJerusalem; maziye kubekwa endlwini kaThixo.

6. “ ‘Ngoko ke, wena Tatenayi, mlawuli wakwelentshona ye-Efrati, nawe Sheta-bhozenayi namahlakani enu, magosa elo phondo, rhoxani.

7. Musani ukuphazamisana nomsebenzi wokwakhiwa kwale ndlu kaThixo. Umlawuli wamaJuda namadoda amakhulu akwaJuda mabayakhe kwasesizeni sayo indlu kaThixo leyo.

8. Ngaphezu koko ke ndiwisa umyalelo wokuba loo madoda makhulu akwaJuda akha indlu kaThixo niwenzele ezi zinto:“ ‘Inkcitho yala madoda ekwakheni mayihlawulwe ngokupheleleyo, ithathwe koovimba bakomkhulu, kwiingxowa zerhafu yalapho kwelentshona ye-Efrati, ukuze ungemi umsebenzi.

9. Nantoni na efunekayo – iinkunzana zeenkomo, iinkunzi zeegusha, amaxhwane angamaduna okwenzela uThixo wezulu amadini atshiswayo, ngokunjalo nengqolowa, ityuwa, iwayini, namafutha omnquma, ngokwesicelo sababingeleli apho eJerusalem – zonke ezi zinto mabazinikwe yonke imihla kungaphazanywa,

10. khon' ukuze babe nako ukumenzela amadini amkholisayo uThixo wezulu, bathandazele intlala-kahle kakumkani noonyana bakhe.

funda isahluko epheleleyo Uezra 6