Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 4:7-22 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ke ngemihla ka-Atashasta ukumkani wasePeshiya uBhish-lam, uMitredati, noTabheli, namahlakani abo, babhala ileta, bayithumela kuAtashasta. Le leta ke yayibhalwe ngesiAram ngokwendlela isiAram esibhalwa ngayo.

8. URehum igosa eliphetheyo noShimshayi unobhala babhala ileta echasene neJerusalem, bayithumela kuAtashasta ukumkani. Bayibhala ngolu hlobo,

9. yaye iphuma kuRehum igosa eliphetheyo, noShimshayi unobhala, nawo onke amahlakani abo, abagwebi, abalawuli abongamele abantu, amagosa asePeshiya, e-Ereki naseBhabheli, ama-Alam aseSusa,

10. nabo bonke abantu abeziswa apho ngohloniphekileyo umhlekazi uOsnapare, abo wabafudusa wabamisa kwisixeko saseSamariya nakwezinye iindawo kwelentshona ye-Efrati.

11. Le ke yikopi yeleta abamthumelela yona:“Kumkani uAtashasta,“Le leta ivela kwizicaka zakho ezikwelentshona ye-Efrati.

12. “Ukumkani simazisa ukuba laa maJuda awawathumela apha kuthi, nango eJerusalem ehlaziya esiya sixeko sidume ngovukelo nenkohlakalo. Ayazivusa iindonga zaso, nesiseko saso ayasilungisa.

13. Makaqonde kakuhle ke ukumkani: ukuba esi sixeko sithe savuswa kwakhona neendonga zaso zalungiswa, ziya kunqumka iirhafu, kungekho namrhumo naluphi na uhlobo lomnikelo oluya kuhlawulwa – nto leyo ke iya kuyiqhwalelisa ingxowa yasebhotwe.

14. Ngoko ke thina njengabantu abaxhomekeke kwikomkhulu elo, futhi singakunqweneli ukubona ukumkani edelekile, sithe masikuthumele le leta sikwazise, mhlekazi,

15. khon' ukuze kwenziwe uphando kumaxwebhu ashiywa ngabo bakwandulelayo. Apho kwezo ngcombolo ke uya kufumanisa ukuba esi sisixeko sabavukeli, abaphembeleli-dushe kookumkani nakumaphondo; kakade yayiyindawo yodushe kwamandulo. Kwakungenxa yaloo nto ukuze sitshatyalaliswe esi sixeko.

16. Ewe, siyakulumkisa, mhlekazi: ukuba sikhe sakhiwa esi sixeko, zavuswa neendonga zaso, wena uya kusala ungenanto apha kwelentshona ye-Efrati.”

17. Ukumkani ke waphendula wenjenje:“URehum igosa eliphetheyo, uShimshayi unobhala, nawo onke amahlakani abo ahlala eSamariya naphi na kwelentshona ye-Efrati: Bhotani!“Ke

18. ileta eniyibhalileyo nasithumelela yona ifundiwe yaguqulwa nam ndisiva.

19. Ndilugunyazisile uphando, kwaza kwaphengululwa kwafumaniseka ukuba esi sixeko kwakudala sinembali yabavukeli-zikumkani – yindawo yovukelo nesiphithi-phithi.

20. EJerusalem kwakukho ookumkani abanamandla, belawula kwelentshona ye-Efrati, irhafu neminikelo nemirhumo ihlawulwa kubo.

21. Ngoko ke wisani umyalelo abo bantu bawuyeke loo msebenzi, ukuze eso sixeko singakhiwa de mna ndikuyalele oko.

22. Nize nincede ke ningawuyekeleli lo mcimbi. Ningathini ukuyiyeka ihambele phambili into eza kubeka ikomkhulu emngciphekweni?”

funda isahluko epheleleyo Uezra 4