Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 3:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku yathi ifika inyanga yesixhenxe, aye amaSirayeli selezinzile kwiidolophu zawo. Ke bonke abantu baqokelelana eJerusalem.

2. UYeshuwa unyana kaJozadaki nabantakwabo ababingeleli kunye noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli noogxa bakhe baqalisa ukwakha iqonga likaThixo kaSirayeli lokwenza amadini atshiswayo, ngokwamazwi abhalwe kumthetho kaMosis umfo wakwaThixo.

3. Nakuba babebaxhalele abantu ababemelene nabo, balakha iqonga esizeni salo, baza benzela *uNdikhoyo amadini atshiswayo apho kulo, ndawonye namadini akusasa nawamatshona.

4. Kananjalo njengoko kubhaliwe, babhiyozela iTheko lamaPhempe, imini nganye ngokwamadini atshiswayo amiselweyo.

5. Emva koko banikela amadini atshiswayo amiselweyo: amadini okuthwasa kwenyanga, namadini amatheko kaNdikhoyo amiselweyo, kunye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo kuNdikhoyo.

6. Ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe baqalisa ukwenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo.Sasingekabekwa isiseko sendlu *kaNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Uezra 3