Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 9:6-20 Ibhayibhile (XHO96)

6. Asiziphulaphulanga izicaka zakho abashumayeli ababethetha egameni lakho belumkisa izikumkani zethu, iziphathamandla, oobawo, nabantu bonke bakowethu.

7. “Ke wena, Mhlekazi, ulilungisa, ukanti ke thina sigutyungelwe lihlazo njengoko kunjalo nanamhla. Xa sisonke thina sinjalo, thina bemi belakwaJuda, naseJerusalem, namaSirayeli onke owawasarhaza ezizweni, kwezikude nakwezikufuphi, ngenxa yokungathembeki kwawo.

8. Ewe, Ndikhoyo, sihlelwe lihlazo; ookumkani bethu neziphathamandla, ndawonye noobawo-mkhulu, xa sisonke sonile kuwe.

9. Kambe ke, wena Mhlekazi, Thixo wethu, nangona sakuvukelayo, uhlala unemfesane uxolela.

10. Wena Ndikhoyo, Thixo wethu, asikuphulaphulanga, asihambanga ngokwemiyalelo yakho owasinika yona ngezicaka zakho abashumayeli.

11. USirayeli ephela uyigqithile imithetho yakho, waphambuka akavuma ukulithobela izwi lakho.“Ngenxa yokona kwethu ke uNdikhoyo uzithulule phezu kwethu zonke iziqalekiso ngokwesifungo sakhe esibhaliweyo emthethweni kaMosis isicaka sakhe.

12. Ngale ntlekele ingaka uwafezekisile amazwi awasilumkisa ngawo thina neenkokheli zethu. Ehlabathini jikelele iJerusalem uyohlwaye ngqongqo ngendlela engazange yabakho.

13. Ewe, ubuthululele phezu kwethu bonke ububi obukhankanyiweyo emthethweni kaMosis. Kambe nangoku asikayelelisi ekumkholiseni uNdikhoyo uThixo wethu ngokujika kubugwenxa bethu; asikayinyamekeli inyaniso yakhe.

14. Ke uNdikhoyo wayehleli ethe qwa, waza wasihlisela le ntlekele, kuba yena Ndikhoyo uThixo wethu ulilungisa kuko konke akwenzayo, sabe ke thina singaliphulaphulanga ilizwi lakhe.

15. “Mhlekazi, Thixo wethu, wena othe ngesandla sakho esinamandla wabakhulula abantu bakho kwelaseJiputa, latsho laduma igama lakho njengoko kunjalo unanamhlanje, ewe, sonile senza okugwenxa.

16. Mhlekazi, ngokwemisebenzi yakho yonke yobulungisa, mawukhe uthothe umsindo wakho nengqumbo yakho kwisicaka sakho iJerusalem, nditsho kwintaba yakho eyodwa. Ngenxa yezono zethu nobugwenxa boobawo iJerusalem nabantu bakho balihlazo kubo bonke abasingqongileyo.

17. Ngoko ke, Thixo wethu, kuve ukuzibika nokutarhuzisa komkhonzi wakho. Yikhangele ngobubele indlu yakho elibhodlo, kuba kaloku nguwe oyiNkosi.

18. Khawubek' iindlebe uphulaphule, Thixo wam! Khawuvule amehlo ukubone ukuphanza kwesixeko esibizwa ngegama lakho. Akungenxa yemisebenzi yethu yobulungisa le nto sikubongozayo, kodwa kungenxa yenceba yakho enkulu.

19. Ndimamele, Mhlekazi, usixolele, usive, wenze! Ewe, Mhlekazi, ngenxa yegama lakho uze ungalibazisi, kuba kaloku esi sixeko sakho naba bantu bakho babizwa ngegama lakho.”

20. Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam nesono sabantu bakowethu amaSirayeli, ndizibika *kuNdikhoyo uThixo wam ngenxa yentaba yakhe eyodwa,

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 9