Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 9:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku kwakungunyaka wokuqala wokulawula kukaDariyo unyana ka-Asuwerosi. WayengumMedi ngokomnombo, kodwa waba ngukumkani wamaKaledi.

2. Ke ngalo nyaka wakhe wokuqala elawula mna Daniyeli ndandicamngca ngale ndawo kwizibhalo ezingcwele ngokomlomo *kaNdikhoyo *kumshumayeli uJeremiya ethetha ngeminyaka emashumi asixhenxe ekufuneka iJerusalem ihlale iphanzisiwe.

3. Ndabhekisa kwiNkosi uThixo, ndazibika kuyo ngomthandazo, ndizila ukutya, ndinxiba ezirhwexayo, ndizigalela ngothuthu entloko.

4. Ndathandaza kuNdikhoyo uThixo wam, ndisenza isivumo, ndathi: “Aa, Mhlekazi! Thixo omkhulu owoyikekayo, mgcini womnqophiso wakho, wena menzi wezibele kwabo bakuthandayo, abo bayithobelayo imiyalelo yakho,

5. sonile senza ubugwenxa nobubi! Sikuvukele sayityeshela imiyalelo nemithetho owasinika yona.

6. Asiziphulaphulanga izicaka zakho abashumayeli ababethetha egameni lakho belumkisa izikumkani zethu, iziphathamandla, oobawo, nabantu bonke bakowethu.

7. “Ke wena, Mhlekazi, ulilungisa, ukanti ke thina sigutyungelwe lihlazo njengoko kunjalo nanamhla. Xa sisonke thina sinjalo, thina bemi belakwaJuda, naseJerusalem, namaSirayeli onke owawasarhaza ezizweni, kwezikude nakwezikufuphi, ngenxa yokungathembeki kwawo.

8. Ewe, Ndikhoyo, sihlelwe lihlazo; ookumkani bethu neziphathamandla, ndawonye noobawo-mkhulu, xa sisonke sonile kuwe.

9. Kambe ke, wena Mhlekazi, Thixo wethu, nangona sakuvukelayo, uhlala unemfesane uxolela.

10. Wena Ndikhoyo, Thixo wethu, asikuphulaphulanga, asihambanga ngokwemiyalelo yakho owasinika yona ngezicaka zakho abashumayeli.

11. USirayeli ephela uyigqithile imithetho yakho, waphambuka akavuma ukulithobela izwi lakho.“Ngenxa yokona kwethu ke uNdikhoyo uzithulule phezu kwethu zonke iziqalekiso ngokwesifungo sakhe esibhaliweyo emthethweni kaMosis isicaka sakhe.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 9