Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 8:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. Le nkunzi yebhokhwe yakhula yaba nkulu ngokugqithisileyo. Ke, xa yayisencotsheni yamandla ayo, suka lwantlekeka lwaphuka shwaqa olo gqajolo lophondo lwayo. Endaweni yalo ke kwaphuma ezinye iimpondo ezingayiwayo zane, zikhangele kwiimbombo zone zehlabathi.

9. Kolunye lwezi mpondo kwantshula olunye uphondo olwaqala luluncinane, lwaza lwakhula lwabhekisa ngasezantsi nangasempuma nangakwilizwe eliliqhayiya.

10. Lwakhula ke lwafikelela nakumkhosi wezulu, lwayikhahlela phantsi emhlabeni inxalenye yeenkwenkwezi layinyhasha.

11. Ewe, lwada lwafunza kuyo neNjengele yomkhosi wezulu, latsho lawaphelisa namadini atshiswayo enzelwa yona imihla ngemihla. Ewe kaloku, lada laxabhela nendawo eyingcwele yayo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 8