Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 6:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ngoko ke aba bongameli bekunye neerhuluneli bahlangana, baya kukumkani uDariyo, bafika bathi: “Bayethe, mhlekazi! Phil' ud' ukhokhobe!

7. Xa sisonke thina bongameli, nezikhulu, neerhuluneli, namaphakathi, nabaphathiswa, sivumelene ukuba sikucele, mhlekazi, ukuba uwise umthetho onyanzelisayo ukuba kwithuba leentsuku ezingamashumi amathathu kungabikho mntu uthandaza nawuphi na uthixo okanye umntu ngaphandle kokuba athandaze kuwe, mhlekazi. Lowo waphule lo mthetho makaphoswe emngxunyeni weengonyama.

8. Ngoko ke, mhlekazi, wisa lo mthetho, uwubhale ube ngumthetho ongenakujikwa wamaMedi namaPeshiya.”

9. Ngoko ke ukumkani uDariyo wawubhala loo mthetho.

10. Nakuba ke uDaniyeli wayeve ukuba lo mthetho ubhaliwe wapapashwa, usuke wagoduka, wafika wangena kwigumbi lendlu yakhe eliphezulu elalineefestile ezikhangele eJerusalem, waza ke waguqa ngamadolo wathandaza ebulela kuThixo wakhe kathathu ngemini njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.

11. Ke kaloku laa madoda ahlangana ambhaqa uDaniyeli ethandaza etarhuzisa kuThixo wakhe.

12. Ngoko ke aya kukumkani, afika athetha naye malunga nomthetho awenzileyo, athi: “Kanene, mhlekazi, ubungapapashanga umthetho na othi kwiintsuku ezimashumi mathathu makungabikho mntu uthandaza nawuphi na uthixo okanye umntu ngaphandle kwakho, usithi othe wayenza loo nto uya kuphoswa emngxunyeni weengonyama?”Ukumkani ke waphendula wathi: “Ewe, kunjalo, ndikwenzile oko, yaye lowo ngumthetho ongenakutshitshiswa wamaMedi namaPeshiya.”

13. Aza athi ke la madoda kukumkani: “UDaniyeli ongomnye wabathinjwa bakwaJuda akakuhoyanga, mhlekazi, akawuthobeli nalo mthetho uwuwisileyo. Usaphikele ukuthandaza kathathu ngemini.”

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 6