Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 5:20-30 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kodwa ke wathi akuthiwa lwale likratshi, yaqaqadeka intliziyo yakhe kukuzidla, suka wakhiqwa wahlukana nesihlalo sakhe sobukhosi, bahluthwa nobungangamsha bakhe.

21. Ewe kaloku, wagxothwa eluntwini, watsho wabulwanyanarha. Wahamba waya kuhlala neembongolo zasendle, watya ingca njengeenkomo, elalelwa ngumbethe wezulu. Wada ke wavuma ukuba nguThixo uPhezukonke ozilawulayo izirhulumente zabantu, ikwanguye omisela kuzo loo mntu athanda ukummisela.

22. “Kambe ke wena, Bhelshazare, nyana wakhe, uthe uyazi yonke le ngcombolo akwazithoba.

23. Ndaweni yaloo nto usuke wayidela iNkosi yezulu. Uthe makulandwe izitya zendlu yayo, waza ngokunjalo wasela iwayini ngazo, wena nezikhulu zakho, abafazi bakho, namaqadi akho, waza wabadumisa oothixo abenziwe ngegolide, abesiliva, abobhedu, abentsimbi, abomthi, nabelitye; nangona bengaboni, bengeva, futhi bengaqiqi nokuqiqa. Kuyo yonke le nto uThixo okusesandleni sakhe ukuphefumla kwakho nolawula yonke imeko yobomi bakho, zange umhlonele.

24. Eso ke sisizathu esibangele ukuba uThixo athumele eso sandla sibhale lo mbhalo.

25. “Nantsi ke into ebibhaliwe: ‘Inani, inani; ubunzima; ukwahlula-hlula.’

26. Nantsi ke intsingiselo yala magama: ‘Inani’: uThixo ulibalile inani lemihla yolawulo lwakho, yaye ke uyinqamle.

27. ‘Ubunzima’: wena ubekwe esikalini, baza ubunzima bakho bafumaneka bunganeno.

28. ‘Ukwahlula-hlula’: urhulumente wakho wahlula-hlulwe wanikwa amaMedi namaPeshiya.”

29. Ngoko nangoko ke ukumkani uBhelshazare wayalela ukuba uDaniyeli anxitywe umnweba omsobo, athiwe gatya umxokelelwana wegolide entanyeni. Waza ke wammisela wangowesithathu kubalawuli bobukumkani.

30. Kanye ngobo busuku uBhelshazare ukumkani wamaKaledi lowo wabulawa,

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 5