Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 5:17-26 Ibhayibhile (XHO96)

17. UDaniyeli ke waphendula wathi kukumkani: “Ungazidubi ngokundinika izipho; okanye ke zinike mntu wumbi! Ke wona umbhalo lo, ndiza kumfundela ukumkani, ndimchazele nento oyithethayo.

18. Mhlekazi! Uyihlo uNebhukadenezare wanikwa intonga yobukhosi nguThixo uPhezukonke, wamenza mkhulu, wamthi jize ngobungangamsha nobuhandiba.

19. Ngangobukhulu awayebunikiwe abantu bezizwe zonke, iintlanga, neelwimi ngeelwimi, xa bebonke, babekhahlela kuye bengcangcazela besoyika. Athanda ukumbulala wayembulala, amsindise athanda ukumsindisa. Wayemnyusela athanda ukumphakamisa, aze amkhiqe athanda ukumthoba.

20. Kodwa ke wathi akuthiwa lwale likratshi, yaqaqadeka intliziyo yakhe kukuzidla, suka wakhiqwa wahlukana nesihlalo sakhe sobukhosi, bahluthwa nobungangamsha bakhe.

21. Ewe kaloku, wagxothwa eluntwini, watsho wabulwanyanarha. Wahamba waya kuhlala neembongolo zasendle, watya ingca njengeenkomo, elalelwa ngumbethe wezulu. Wada ke wavuma ukuba nguThixo uPhezukonke ozilawulayo izirhulumente zabantu, ikwanguye omisela kuzo loo mntu athanda ukummisela.

22. “Kambe ke wena, Bhelshazare, nyana wakhe, uthe uyazi yonke le ngcombolo akwazithoba.

23. Ndaweni yaloo nto usuke wayidela iNkosi yezulu. Uthe makulandwe izitya zendlu yayo, waza ngokunjalo wasela iwayini ngazo, wena nezikhulu zakho, abafazi bakho, namaqadi akho, waza wabadumisa oothixo abenziwe ngegolide, abesiliva, abobhedu, abentsimbi, abomthi, nabelitye; nangona bengaboni, bengeva, futhi bengaqiqi nokuqiqa. Kuyo yonke le nto uThixo okusesandleni sakhe ukuphefumla kwakho nolawula yonke imeko yobomi bakho, zange umhlonele.

24. Eso ke sisizathu esibangele ukuba uThixo athumele eso sandla sibhale lo mbhalo.

25. “Nantsi ke into ebibhaliwe: ‘Inani, inani; ubunzima; ukwahlula-hlula.’

26. Nantsi ke intsingiselo yala magama: ‘Inani’: uThixo ulibalile inani lemihla yolawulo lwakho, yaye ke uyinqamle.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 5