Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 5:12-14 Ibhayibhile (XHO96)

12. Lo mfo ubalasele ngobulumko nolwazi nokuqiqa, enobuchule ekutyhileni amaphupha, ekusombululeni amaqhina, nasekuqwabululeni iintsonkotha. Igama lakhe nguDaniyeli, kodwa ke yena ukumkani wathi nguBhelteshazare. Biza yena; uya kukuchazela intsingiselo yalo mbhalo.”

13. Walandwa, kweziwa naye ke uDaniyeli apho kukumkani, owathetha naye wenjenje: “Ngaba unguDaniyeli, omnye wabathinjwa belakwaJuda abeza nobawo ukumkani?

14. Ndivile ke ukuba ungumfo owambathiswe ngomoya woothixo, onengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obubodwa.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 5