Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:9-26 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ndathi kuye: Bhelteshazare, ngqonyela yezilumko, ndiyazi ukuba wena unomoya woothixo abangcwele, yaye ke akukho mfihlakalo ekunqabeleyo. Nali ke iphupha lam; khawundichazele intsingiselo yalo.

10. Nantsi imibono ethe qatha kum engqondweni ndisemandlalweni wam: Nâlo uhalakahla lomthi umi esizikithini sehlabathi.

11. Loo mthi ke wakhula womelela waba mkhulu wada waya kuthi rhece ezulwini, wabonakala eziphelweni zehlabathi jikelele.

12. Wawutsho ngamagqabi amahle kunene, unentaphane yeziqhamo, zibanele xa bebonke abantu. Emthunzini wawo zaziphumla khona zonke iinyamakazi, neentaka zisakhela emasebeni awo. Ewe, loo mthi wawusondla zonke iindidi zezidalwa.

13. “Ndisalele njalo emandlalweni wam ndijika-jikana nalo mbono, ndabona kusithi thu ezulwini isithunywa esingcwele.

14. Sadanduluka ngamandla sathi: ‘Gawulani loo mthi, niwunqunqe amasebe. Waqhawuleni amagqabi, nisarhaze nezo ziqhamo zawo. Zigxotheni izilwanyana phantsi kwawo, nindulule nezo ntaka zisemasebeni awo.

15. Ke sona isikhondo sishiyeni, ndawonye neengcambu zaso, nisibophelele ngentsimbi nobhedu, sisale simile apho edlelweni phakathi kwengca.“ ‘Ngoku ke makalalelwe ngumbethe, ahlulelane ngotyani nezilwanyana apho emadlelweni.

16. Ingqondo yakhe mayiyeke ukuba yeyomntu, isuke ibe yeyesilwanyana, de kudlule amaxesha amisiweyo asixhenxe.

17. Nâso ke isigqibo esivakaliswa zizithunywa, nditsho umyalezo obhengezwa zezingcwele, khon' ukuze lonke uluntu luqonde ukuba nguThixo uPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, luqonde nokuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika, nkqu nalowo ungazelwe nto.’

18. “Nâlo ke iphupha endiliphuphileyo mna kumkani uNebhukadenezare. Ngoko ke, Bhelteshazare, nceda undichazele intsingiselo yalo. Zonke izilumko zam apha ebhotwe zoyisiwe kukulityhila; kambe ke wena unako ukulityhila, kuba wambathiswe ngumoya woothixo abangcwele.”

19. Kwesi sithuba ke uDaniyeli, lo kuthiwa nguBhelteshazare, wasuka wee nkamalala umzuzwana ekhwankqisiwe. Ke ukumkani wathi kuye: “Hayi, wena Bhelteshazare, musa ukothuswa leli phupha nentsingiselo yalo.”UBhelteshazare ke waphendula wathi: “Mhlekazi, eli phupha nentsingiselo yalo akwaba belibhekiselele kwabakuthiyileyo nabakuchasayo.

20. Laa mthi uwubonileyo uluhalakahla olomelele lwakhula lwakrweca izulu, laza labonakala kulo lonke ihlabathi,

21. umthi omagqabi mahle kunene, oziqhamo zawo zanele uluntu lonke, umthi ekuphumla iinyamakazi emthunzini wawo, ngokunjalo neentaka zakhela emasebeni awo,

22. umthi lowo nguwe, mhlekazi. Kaloku wena ukhule wada wangukrwecizulu ngobungangamsha, lwaza ulawulo lwakho lwaya kutsho esiphelweni sehlabathi.

23. Uthe usabukele ke, mhlekazi, kwathi gqi ezulwini isithunywa esingcwele sathi: ‘Gawulani lo mthi niwutshitshise, kodwa nisishiye apho emhlabeni sona isikhondo ndawonye neengcambu zaso, nisiqamangele ngentsimbi nobhedu, sihlale apho phakathi kwengca emadlelweni. Makalalelwe ngumbethe, ahlulelane ngotyani nezilwanyana amaxesha amisiweyo asixhenxe.’

24. “Naku ukuchazwa kwalo ke, mhlekazi – ngenene esi sisimiso asimisele wena uPhezukonke.

25. Wena, kumkani, uza kugxothwa umke phakathi koluntu, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo, ulalelwe ngumbethe. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe ude uvume ukuba nguPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, uqonde ukuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika.

26. Njengoko izithunywa zithe isikhondo sineengcambu zaso masishiywe emhlabeni, loo nto ithetha ukuba ulawulo lobuyiselwa kwakuwe, wakuba uvumile ukuba ngulowo usezulwini olawulayo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4