Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. “Kubonakele iyinto entle kum ukuba ndinazise ngemiqondiso nemimangaliso andenzele yona uThixo uPhezukonke.

3. “Mikhulu kambe imiqondiso yakhe!Asinto ukurhwaqelisa imimangaliso yakhe!Ulawulo lwakhe ke lona alunasiphelo;ewe, elakhe igunya lihlala lihleli,liqhakamishela izizukulwana ngezizukulwana.

4. “Mna Nebhukadenezare ndandizonwabele ndizihlalele emzini wam, ndingenalo nexhala.

5. Ndaphupha iphupha elandothusayo. Ndathi ndisalele emandlalweni wam ndanemibono neengcingane ezandoyikisayo.

6. Ndaza ke ndathi mazibizwe zonke izilumko zaseBhabheli, ukuze zindityhilele iphupha lam elo.

7. Bathe ke bakufika abenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, nezanuse, ndazichazela iphupha elo, kodwa ke zoyiswa kukundityhilela intsingiselo yalo.

8. Ekugqibeleni ke kwafika kum uDaniyeli, okwabizwa ngokuba nguBhelteshazare, gama elo lilelothixo wam. Ke yena lo mfo wayenomoya woothixo abangcwele.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4